lesiqhelo ukuze ndiyokufanda umama eMamelodi ndimse eSoweto apho esinye sezalamane zethu sibulewe ngenkohlakalo mvanje, utshilo uMudau phambi kokuba athi usayokutshintsha akunxibileyo.
Ama-40 emizuzu kamva ungene enxibe okubala librown. Uthe akuvula ucango Iwegaraji waphawula ukuba ingcolite imoto yakhe IBMW 328i Cabriolet ebisetyenziswa yinkosikazi yakhe ngezolo. Ukhalaze wathi noko. umam ekhaya akangomntu uthanda ukuhlamba imoto waza eqhula wathi ukuba amapolisa endlela ebengakhe akhuphe amatitiki ahlawulisa abaqhubi abanemoto ezimdaka, ebengamaninzi akaEsther.
lncoko yethu ihambe yaya kuthi xhaxhe kwibhola ekhatywayo. UMudau uvumile ukuba noko akatakanga manqaku maninzi ngenxa yokukruneka.
Ndikwazile ukuwafaka kathandathu kwimidlalo yeligi kule sizini. Kodwa ndiyathemba ukuba kumjikelo wesibini weligi maninzi endiza kuwafaka.
Kwalile ngeye-7 kusasa sahamba eMamelodi. ingoma ethi Stomp kaKirk Franklin and the New Nation idume kakuhle kwizpika ezinamandla. Nathi sithelele, sangqisha salinganisa. Kuthe kwakuthi cwaka ndambuza ngobomi bakhe kwezonqulo.
Ndiyaya enkonzweni. Ndililungu leRhema Church eseRandburg naxa ukubandakanyeka kwam kwibhola ekhatywayo kuvuma ndiqinisekisa ukuba ndiyaya enkonzweni. Oku sekuyinto yesibini kuthi njengosapho ukuthandaza xa sivuka nokubulela uthixo ngokusikhusela ubusuku bonke ukanti sikwacela ubulumko nokhokelo lwakhe kwimini entsha esingena kuyo.
Ndandithanda ukuthandaza kuphela xa ndigaxeleka ezingxakini ebomini kodwa xa ndaqonda ukuba ukukhumbula uYesu uMsindisi xa usengxakini akuyishenxisi ingxaki, ndagqiba ngokuba intliziyo yam ndiyinikele Kuye. Kungokunje ndonwabile. Ndiyawuphulaphula umculo wegospile kodwa ndithanda ukuphulaphula nokudanisa kwikwaito emnandi, utshilo uDaniel.
Kuthe ngeye-7:20 kusasa safika eMamelodi noMudau wasazisa kunina uMaria, umshana wakhe uNthabiseng nobaninawa bakhe uTimothy, uPhenias noWilliam olandela ekhondweni lakhe edlala kwiqela iSpartak efikwiligi yeMTN.
Ndikhulele kwezi meko zobomi zingathandeki. Ndanditshaya ndisela kakhulu kunye nabahlobo bam kodwa ndiyeke ngo-1993 xa ndaqonda ukuba abantu bandibona ndingumzekelo omhle nendlela endiziphatha ngayo mayibe le ubomi bam, utshilo uDaniel xa sityhutyhatyhutyha eSoweto.
Unina usixelele ukuba uneqhayiya ngokwenziwa ngunyana wakhe enqwenela ukuba bonke oonyana bakhe bafana naye.
UMudau ebuhlungu uthe: Kulusizi ukuba utata abe akaphili ngoku ukuze abone indlela endiphumelela ngayo kwibhola ekhatywayo. Noko
Mambush Mudau
5.5Oam inkosikazi yam iyakuthanda ukuqhuba imoto kodwa kunzima ukuba ayihlambe! utshito uMudau ehlamba amavili ayo ebukeka eqhankqalaza.


7.32am Encumile. UDaniel ekunye
nabantakwabo uTimothy, uphineas nowilliam, unina uMaria nomtshana wakhe uNthabiseng kowabo apho akhuleta khona.
BONA XHOSA - February 2000 bi
Laduma!
wandikhuthaza. Xa wabona ifoto yam kwiphephandaba okokuqala, wayisika waza wayifaka epokothweni yakhe. Wayeneqhayiya ngam.
Xa wazuza ibhaso Ioyena mtaki manqaku uphambili uMudau uye wayinikela kuyise noJohannes Ngobeni, ummelwane wakhe ongasekhoyo namthandayo. UNgobeni wandibhaqa waza wandibangela ndangulo mdlali ndinguye namhlanje, utshilo uDaniel ezimisele.
Njengesiqhelo kusasa uhola wendlela uNl South waseJohannesburg usoloko uneemoto ezininzi sithe xa siye sisondela abanye abaqhubi bambona uMudau baza bakhalisa ihutha bembulisa.
Kwekhu, kudala sithetha kangangokuba ndilibele ukuvulela unomathotholo, utshilo uDaniel. Oyena msasazi amthandayo nguchomane Chomane weLeseding FM kodwa ngale ntsasa uDaniel kuye kwafuneka aphulaphule omnye umsasazi. Kanene, lixesha leendaba, uthethele phantsi, eyishiya ikhala kuba engekafumani thuba lakuva ezinye iziphumo zemidlalo yeligi.
iindaba zokuqala zimothusile. Umqeqeshi weMoroka Swallows uWalter Da Silva uhlaselwe ngamakhwenkwana amabini emgrogrisa ngokumbulala aza amvalela emotweni iiyure ezimbini xa iklabhu yakhe idlala neBush Bucks eRand Stadium. Kwaza kwakubi oku, savumelana ngokuba ibhola yethu ekhatywayo iye iphelelwa.
Kodwa kuthekani ngokwenzeka kuxambuliswano lwesemi-fayinali yeRothmans phakathi kweSundown nePirates xa umqeqeshi uPaul Dolezar engene ebaleni ezimisele ukuyilahla phantsi indebe? Nabadlali begibisela iitoti ebaleni nabadlali bakha banqumama bamfuna esiqwini usompempe? le yimibuzo esiyibhekise kuDaniel.
Akazange agxeke umqeqeshi wakhe nabaxhasi kodwa ugxininise wathi ngoku sekulixesha Iokuba oosompempe benze okuhle.
Ezinye zezigqibo abazenzayo ziyaxaka kwaye zicaphukisa abadlali, abalandeli kwanabaqeqeshi. Kodwa oko akufanele kube sisingxengxezo sobundlobongela ebaleni. Nakuba ibhola ekhatywayo ingumdlalo othanda ukuphazamisa iimvakalelo abanye abantu kufuneka bafunde ukuwulawula umsindo wabo, utshilo uDaniel.
Emzini kamalume wakhe kwakukho okubang usizi. Ipolisa nomnini-teksi basweleka kweli khaya emva kokuthululwa kwembumbulu kudutyulwa ngeAK47 iintsuku ngaphambilana. UDaniel ushiye unina apho waza wakhwela esiya eGreek Gods Sports Centre eLinksfield kumntla weJohannesburg, ukuze akhe aziqeqeshe kancinci.
Uthe lo gama esaziqeqesha sathetha
nomphathi weSundowns uPeter Koutrolis.
58 BONA XHOSA - February 2000
Ndisebenze noMambush iminyaka esi-8 ngoku ukuba bekukho nje abahlanu abafana naye kweli qela lam akukho klabhu ibingasoyisa ehlabathini. UDaniel uqeqeshiwe, ehlonipha kwaye ezimisele emsebenzini wakhe. Njengekapteni uyakwazi ukukhokeia nendlela enza ngayo inika ifuthe kwabanye abadlali, utshilo ukoutrolis.
Ungomnye weendwalutho ezikhethwe njengezimeia amalungelo oluntu ukuze abangela abantu abajonge kubo njengomzekelo omhle, baphaphele amalungelo asisiseko, uDaniel ubekho kuloo ndibano ngeye-11 kusasa nebiseBraamfontein. Apho uthelelwe nguArthur Mafokate, umdlali kwimidlalo yeqonga kwanomsasazi uFlorence Masebe, umdlali ngasemva kwiPirates nakwiBafana Bafana uPapi Khomane kwanoiiqhawe kwiMango Groove uClaire Johnson.
Ebudeni bale ndibano iqela libukeke libuphazamiseka sakulibuza ukuba ngaba isisa akufanele siqale ekhaya kusini na? Banokuba ngabameli bamalungelo oluntu njani xa kwaawabo amalungelo kwiindima abakuzo.
engahlonelwa? Kodwa, -esi sihlanu sikhwethwe kuba sinobume obuhle kwaye simele uluntu, utshilo umququzeleli weRights Africa.
Le ndibano iphele kakuhle xa uMafokate ongomnye weemvumi ezithandwa nguMudau esinika iCD yakhe yamvanje ethi Umpostoli. Ukuya kwethu kwiiofisi zeSundowns phakathi esixekweni kuye kwamnandi kuba siphulaphule 10 mculo sixubusha nangeengoma ezikule CD.
lngxubusho iqhubekile xa iPRO yeSundowns uAlex Shakoane noDaniel bexubusha indlela eli qela eliqhube ngayo neCosmos bejonga nendlela elimi ngayo kwilog yamvanje. Ukuza kuthi xhaxhe apha eli qela liqhube kakuhle - kwimidlalo eii-12 liphumelele ukanti lizithembile ukuba liza kwenza imbali ngokuphumelela kwiligi kwisizini ezintathu zilandelelana.
Sibuyeie ePitoli kwakhona saza indawo yokuqala esime kuyo kwaba yirestaurant apho sikhe safumana ilantshi ngentsimbi yesi-4 phambi kokuba siyokulanda uEsther eofisin yakhe eseAfrica Hauthe Couture Bridal Gallery and Caterers.
Endleleni egodukayo usapho IwakwaMudau lukhe lwaya kwindawo eneevenkile ezininzi ukukhe luthenge iintwanantwana kodwa sifike emzini walo ngeye-5:1 Opm kangangokuba ukuba namandla nokukwazi ukudanisa kukaDaniel kubonis izinto ezimbalwa phakathi kwazo kuqukwa iCD. yamva nje yTKZee, uBrenda Fassie, uChicco neTrompies.
Siye saphumla kwigumbi lokupheka ukuze sithethe noEsther, sizama ukuba sivakale.
UMambush unobubele kwaye ungumntu onelizw.i.. elipholileyo othanda ukuya ecaweni, utshilo uEsther waza wanqwala intloko, ndiyazi kumbangela onwabe kodwa okona ndikuthandayo kuxa edlala umculo wakhe wekwaito edanisa!
UDaniel uyithanda ngokungazenzisiyo ibhola ekhatywayo eyilandela ingakumbi imidlalo yaseYurophu, kangangokuba side ngamanye amaxesha sithande ukukhalazelana ngeremote control yeTV, uhleke watsho. Kodwa xa iSundowns ibethiwe kunzima ukuba alale ndidla ngokumthuthuzela.
Ngoku bekuzizithuba zeye-7 ngokuhlwa xa siphindele endleleni kwakhona. Ngoku besisiya eRhema Church eRandburg apho imvumi yaseMerika uAlvan Slaughter ebecula khona umculo wegospile.
Kwiiyure ezimbini ezilandelayo sithelele abanquli bedumzela, becula, bexhumaxhuma bewangawangisa xa uslaughter esibangele sampulaphula ngomonde ecula sifika emzini kaMudau osePitoli ngeye-1O:45pm saza sabanqwenelela ubusuku benzolo, sabuyela emakhaya. R
4.32pm
Ethatha inkosikazi

yakhe uEsther kwindawo ethunga iilokhwe zabatshakazi apho asebenia khona.






8.57pm UEsther nentombi yabo uLerato noDaniel besingise enkonzweni.




8pm AbakwaMudau betheieia amanye ama-5 000 abanquli kwingoma kwiHhema church eRandburg.
kubalisa uNDIVHUWO MUSETHA


x	A umhlobo olundwendwe ekuthiwa nguSam waqalisa ukunika uMatodzi Mulovhedzi izipho, wamthatha wamsa kwindawo enomdla angazange ayazi,
waya apho wamtshitsha wamntu wumbi. Emva koko, akuthathayo kwaba sisithembiso
se-R500 ngeveki ukuze amtshintshe umntwana ominyaka eli-14 ukuba abe sisaphuli-mthetho esiyingozi.
Konke kuqalise ngeKresmesi yango-1995 xa uMatodzi ohlala eMakwarela kufutshane naseThohoyandowu wayetyelele umkhuluwa wakhe eJohannesburg.
Ndidibene nalo mfo uSam osuka ePietersburg. Wayengumfo onobuntu xa ndandiseJoburg kwathi xa ndihamba wandithembisa ngokutyelela eVenda.
USam waxelela uMatodzi onamehlo amabi ukuba ufuna ukwenza isivumelwano nam nesiza kumbangela abe sisityebi.
Uthi kukho amathuba okushishina eVenda kwaye ndingumntu ofanelekela umsebenzi anawo. Wathi inkcukacha uza kuzixoxa nam xa ndimtyelele.
USam wasigcina isithembiso sakhe kwathi kwisithuba nje seveki watyelela uMatodzi emzini wakhe oseMakwerela. USam wayengmthengisi weziyobisi nomsebenzi kaMatodzi kukusa ezi ziyobisi kubantu abaxuma uSam kummandla oseThohoyandou. UMatodzi wakhe wathingaza kuqala, kodwa uSam wayesazi ukuba uza kutshintsha njani.
Wayengumfo olinene nonelizwi elipholileyo. Wathi wayenobuhlobo obuhle namapolisa kwaye akasoze amkhathaze uMatodzi ukuba nje ayazi ukuba usebenza noSam.
Kodwa ekugqibeleni kwacaca ukuba yimaii efunekayo. USam wathi le nkwenkwana engazange iphathe nje i-R50 uza kuyinika i-R500 ngeveki.
USam waqhubeka nokuyifundisa umsebenzi echazela uMatodzi indlela emakaziphathe ngayo kwiimeko ezithile. UMatodzi wafunda amagarna nedilesi zabantu abathenga kuSam. Ufunde
UMatodzi egqiba nje ukungeniswa kulo msebenzi wafunda indlela yokwahlukanisa iziyobisi nokuba esitratweni zibizwa ngawaphi amagama.
		Fudula
ethengisa iziyobisi
Ngomphi oselula onokwala umsebenzi
omhlawula i-R500 ngeveki?
iindlela zokwahlukanisa iziyobisi aza kuzithengisa.
UMatodzi wayewazi Io msebenzi. Akazange abe ngumhambisi weempahla obalaseleyo kodwa wakwazi nokucenga abanye abantwana beentsapho ezifumileyo ukuba baqalise ukusebenzisa iziyobisi kuloo mmandla.
lcapson, iGerman Mark, icoke neTula kwakungamagama eziyobisi awasetyenziswa nguMatodzi ekuthengiseni iziyobisi. Amaxabiso azo ayesuka kwi-R20 ukuya kwi-R100.
Saba nobunzima ekufumaneni ezinye iziyobisi. Kodwa abantu abasixumayo babekuthanda esibathengisela kona, utshilo uMatodzi ngoku one-18.
Kuthe nje kwisithuba seminyaka emibini uMatodzi wabe efumene amakhwenkwana amathandathu aminyaka elingana neyakhe ukuba abe nokumnceda. Babeqhubeka nalo msebenzi xa wayesayokulanda iziyobisi eJohannesburg.
Kuthe kungekudala la makhwenkwe asixhenxe ayeka esikolweni athi kungekudala ashiya namakowabo. Ukuze aqhubeke ehlawula irenti kwafuneka aqhekeze imizi, aqhekeze iimoto, axhwithe iibhegi ekhuthuza nabantu. Kuthe kungekudala azibhaqa nawo esebenzisa iziyobisi.
Ukuze siphange abantu bekufuneka siqale sisebenzise iziyobisi ukuze sibe nesibindi. Akukho mntu wakhe wazama ukusinqanda. Nkqu nabazali bethu abazange bathethe nelimdaka eli, utshilo uMatodzi.
Eli hlokondiba lamakhwenkwana labangela uloyiko kuluntu kodwa lwalungekachanabeki kwiingozi noMatodzi uthi wakhe wasinda kaninzi egagene nokufa.
Kwakhe kwakho amathuba apho abantu endibathengiseie iziyobisi babengafuni ukuhlawula. Omnye ndaxambulisana naye waza wee rhuthu umpu wawujolisa kum, kwafuneka ndimshiye nesiyobisi.
Kwesinye isiganeko, umnini wemoto wazama ukumdubula xa wayezama ukuyidumisa yaza l00 mbumbulu yamphosa.
Mhlawumbi okona kuyingozi kuko konke oku sisibakala sokuba uMatodzi nabanye abantwana basebenza njengamahenyukazi. Amadoda ayebanika nje i-A20 ngokuba neendibano zesondo nawo.
lnkoliso yaloo madoda ngoobawo abana-makhaya, utshilo uMatodzi owagqiba ngokuyeka ukuthengisa iziyobisi nayo nantoni
na ehamba nazo. UMatodzi ukhe wajamelana
kaninzi nengalo yomthetho kodwa akazange avalelwe kuba wayeselula.
Ngetha-msanqa kuMatodzi inkokeli yoluntu uLufuno Mudzani wambamba waza wathetha okunengqondo naye.
Ndiyavuya
kuba lo mfo osetula egqibe ngokuyeka lo msebenzi ongcolileyo.
Nakuba ebukeka eselula emsulwa, yena neqela Iakhe babegrogrisa uluntu, utshilo uMudzani.
Babeqhe-.
keza imizi yethu nabani na befuna. Babesiba izinto zethu -oonomatho-tholo kwiimoto zethu, iITV, iividiyo, iihi-fi, iimpahla newotshi zethu.
UMudzani uyavuya kuba uMatodzi ezimisele
ukuziphatha kakuhle enamathemba okuba uza kuba ngumzekelo omhle kolunye ulutsha olugaxeleke kuiwaphulo-mthetho.
Uye wazama ukuthetha nabazali bakaMatodzi ukuba bamamkele kowabo. Usomashishini uAndries Mulovhedzi uthi udiniwe yindlela aziphethe ngayo unyana wakhe.
Andazi ukuba ndenze ntoni ngesimilo sale nkwenkwena. Andazi ukuba kwenzeke ntoni kubomi bakhe ekubeni wayeka isikolo waza wabaleka nakowabo eminyakeni emine eyadlulayo. Ndiyathemba ndinokumkholelwa xa esithi ufuna ukuphita njengamntu wonke. Ndiza kulinda ndibone ukuba uqhuba njani, utshilo ezimisele.
UMatodzi uyazisola ngako konke akwenza, esithi, Ndiyathemba bonke abantu endabaphatha kakubi baza kundixolela.
Andinakushenxisa okubi endakwenza ebantwini kodwa ndinokuzama ukucenga olunye ulutsha iungabandakanyeki kulwaphulo-mthetho.
UMatodzi uyavuya kuba ebuyela
kowabo kodwa unexhala Iokuba umphathi wakhe uSam uza kumzingela aze amphathe kakubi. Ukwanexhala Iabahlobo bakhe ababandakanyeke kwiziyobisi
Ndiyathemba ukuba baza kuwushiya lo msebenzi ungcolileyo. Ndiyathemba baza kwenza isigqibo esihle bengekashiywa Iixesha.U
Ovumileyo ukuba yinkokeli yabathengisi beziyobisl nemigewu uMatodzi Mulovhedzi ephethe iselulafowuni ayixwhila komnye owaba lixhoba lakhe.
Inkokeli yoluntu uLufuno
Mudzannani
owanceda uMatodzi aphuncuke kubomi bemigewu.
BONA XHOSA - February 2000 61
	USA ukundixelela
	ngothando, sweetie,
watsho umhlobo wam uLayia. Ayikho into
enjalo. Ukufezekisa iinkanuko zomzimba mhlawumbi. Uthando, ngokuqinisekileyo.
Kodwa akuthethi ukuba ndiya kuthandana nawe unaphakade. Ndithembe. Ndibone kuzo zonke iindawo ukusuka eKapa ukuya eCairo. Ayikho into enjalo ebomini.
Uyakholelwa ukub uLayla uyatshata kule nyanga? Yep. Kuza kuba ngumtshato omnandi wabantu ababini
abathandana kakhulu abaza kube betsho ngoncumo lukaBlankethi.


Uthando niqala ukubonana
lngaba yintoni le nto iluthando eyatshintsha uLayla ngephanyazo Nayeka ukuba ligqiyazana elinomtsalane elinama-32 ominyaka waba ligqiyazana eliziphethe ngokungathi liselula? ULayla uyafunga ukuba yena noJack baqala ukuthandana beqala ukudibana kwitheko lomhla owandulela iNyibidyala.
Ndamjonga emehlweni ndathabatheka Ndaqonda ukuba ndidibene nesithandwa sam. Naye uthi waziva njalo. Yindlela emangalisayo yokuthandana, yokuthanda loo mntu ngaphambi kokuba uthethe naye.
Ngenkangeleko, wahluke kwaphela kumntu endandinqwenela ukuba abe yindoda yam, kodwa ndamthanda nangona enjalo. Ayikho indlela endingayicacisa ngayo ngaphandle kokuba ndithi luthando lokwenyani.
UCebisa Mfenyana, osebenza kwezentengiso, ukholelwa ukuba uthando Iokwenyani yindlela yokuziva uthandwa.
Lulwalamano onokuzibona ungenaloyiko lwalo. Uye uze uyifumane yonke into obuyifuna.
Ukwathi uthando olunje lwenzeka ukuba nonwabile.
Ngekhe ulindele ukonwatyiswa ngomnye umntu. Uthando lokwenyani lungokunyamekelana.


Ezimisela
Xa umdlali nomlawuli uBheki Mkhwane wayeqala ukubona uNombali wayefana netyendye elithi kwibhinqa uyakholelwa ukuba ukhe umthande umntu usaqala ukumbona okanye ngaba kufuneka ndikudlule kwakhona?
Wayenxibe kakuhle, econdoba kuhle kwisitalato selokishi ababehlala kuyo
bobabini.
Uyayithanda indlela endiyiyo! utsho. Kangangokuba ngoku
ndiyinkosikazi yakhe.
Uthando
lungeminqweno, utsho uBheki. Ekuqaleni
ubanomdla
kwinkangeleko, kodwa itshintshele kwinto engaphaya. Uthando luyanyamalala xa umdla upheIa, ngoko ke kufanele uzikhumbuze ukuba yintoni enibangela ukuba nibe kunye. Ngabantwana okanye ubuhlobo.
Ukuhlala nithandana Iucelo mngeni, uyahleka.
Ndingumdlali, ngoko ke ndibafundile abantu kwaye ndiyakwazi ukuzikhupha enkathazweni, kodwa amadoda namabhinqa ohlukile ngamanye amaxesha awukwazi ukungaxabani.
lingxabano iqhelekile, nangona, njengoko kubonakala ukuba singabantu ababini abazimeleyo.
Ukuzifundisa ukunyamezela lucelo mngeni lokugcina uthando lwenu luvutha.


Elinye igqiyazana
NjengoLayia, uConnie unamabali othando oluphelele emehlweni, olumshiya enemibuzo ngentsingiselo yothando.
Andikholelwa kuthando olufana nolukaRomeo noJuliet, utsho, Iwalunjalo ke uthando lwam Iokuqala. Sobabini sasithandana sineenjongo. Sazama ukwenza izinto ngendlela eqhelekileyo, kodwa uthando lwaphela mhla utata wafuna imali yelobola eninzi. isithandwa sam sasingenamali, sohlukana kanjalo ke.
UConnie wayokufuna umsebenzi
edolophini wagqibela sele etshata nomntu asebenza naye.
lzinto esizithandayo zazifana, ngoko ke sonwaba kakhulu, kodwa yonke LOO nto yaphela xa waqala ukuchitha ixesha elininzi nabahlobo bakhe kunam.
Ndathandana nendoda encinane kum, eyandishiyayo yathandana nebhinqa eliyintanga yayo. Ndabona ukuba isondo lwalungandanelisi ukuze lugcine uthando lwethu.
Kungoku nje uhlala nendoda etshatileyo, enenkosikazi ezilalini.
Uthando kum luthetha uzinzo. Le ndoda ayixhomekekanga kwaye inobubele. Ngokuqinisekileyo amadoda
Nguba uphi wena kwezothundo?
1. Uthando Iuselutsha
.	77
uthando lwakho lutsha kwaye luyamangalisu! Uthando uluboni xa lukweli bakala. Usabona kuphela izinto ezintle kuphela kwaye uyadikwa xa abanye bekubonisa iziphoso zesithandwa sakho. Ubonakala uneenjongo ngekamva.


2. lintsuku zolonwabo ziphelile
Eli lithuba lokujongana nezinto zokwenyani. Uyaqala ukubono iziphoso zomnye umntu kwaye ungazibona ngenye indlela. Uthando lungena ezilingweni kwaye ukuba ubungamthandi nyani kulapho luqula khona ukuba neentando. Ukuba awunakuzinyamezela iziphoso zomnye umntu, eli lixesha lokuzikhupha. Uthando lokwenyani lumthanda umntu nokuba unjani, hayi into onqwenela ukuba abeyiyo.


3 Uthando luyakhula
libakala elinzima lokuyeka ukuba sisibini, nikhulise abaniwana. Awusenathuba laneleyo lokulichitha nomnye kulapho kuqala khona ukumonelana.
Ningaphikisana ngendlela yokukhulisa abaniwana. lingxaki zemali nazo zingabangela ingxabano. Ngoku lixesha lokuzibonakulisa ngothando nangenkxaso. Thetha naye, nokuba udinwe kakhulu. Soloko ninxulumana ukuze nihlale nithandana.


4 Lufikelela encamini: lixesha lokufumasa isizathu sokuthandana Xa abantwana besimka ekhaya uneendlela ezimbini -yeka ukumthanda kuba uphelelwe ngumdla ngelixa ukhulisa ubantwana, okanye sebenzisa ithuba onalo ukufumanisa unobangela owakwenza ukuba uthandane yonke loo minyaka.
Tyelela iindawo enaniqhele ukuthula kuzo nobabini. Qalani nithandane okwabntwana kwakhona ningakuhoyi okutshiwo ngabanye abantu. Nisaahandana kwakhona, nikwangabahlobo ubasenyongweni, ninoluhlu Iweenkumbulo ezimnandi!
Luyintoni
UTHAN DO?
BONA XHOSA - February 2000 63
